Daniel 2:38 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nalapo kusukuba kumiwa kona lusapo lwabantu, izilo zasendle nentaka zezulu uzinikile esandleni sako, wakwenza umpati pezu kwazo zonke. Wena ke uyintloko leyo yegolide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu uzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Apho bahleli khona oonyana babantu, izinto ezizitho zine, neentaka zezulu, wazibeka ezandleni zakho, wakwenza umlawuli wazo zonke. Wena le ntloko yegolide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lonke elimiweyo walinikela esandleni sakho, ukuze ulawule abantu, iintaka, namarhamncwa. Ngoko ke le ntloko yegolide nguwe, mhlekazi.