Daniel 2:40 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nobesine ubukumkani bona boba namandla njengesincete; ngokokuba isincete siziti viti sizikande zonke izinto: nanjengesincete, esiqekeza ezi zinto zonke, boti viti buqekeze nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nobesine ubukumkani buya kuba njengesinyithi ukomelela, ngenxa enokuba isinyithi sizicola sizithi nkumenkume izinto zonke; boba njengesinyithi ukuzicola nokuzithi nkumenkume izinto zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubukumkani babo buya kuba njengesinyithi ukomelela, ngenxa enokuba isinyithi saphuka, sityumza yonke into; nanjengentsimbi eqhekeze zonke, uya kwaphuka aze aphuke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwakhona ke kolandela umbuso wesine ongwanyalala okwentsimbi ukomelela, oya kufohloza ukroboze yonke into. Nawo ke uya kuyityoboza okwentsimbi uyicole yonke imibuso engaphambi kwawo.