Daniel 2:41 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokokuba wabubona inyawo namazwane, inxenye iludongwe lwombumbi, nenxenye isisincete, ubukumkani obo boba bahlukile; kodwa kuya kubako okwokwomelela kwesincete kubo, ngokokuba ububona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazibonayo nje iinyawo neenzwane, beziludongwe lombumbi ngenxalenye, zisisinyithi ngenxalenye, bubukumkani obuya kuba bobahlukeneyo; kobakho ubulukhuni besinyithi kubo; ngenxa enokuba ubusibona sisinyithi sixutywe nodongwe oluludaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko nizibonayo iinyawo neenzwane, enye inxalenye iludongwe lombumbi, enye inxalenye iyisinyithi, ubukumkani buya kuba bobahlukeneyo; kobakho ukomelela kwesinyithi kuwo, ngenxa enokuba isinyithi sixutywe nodongwe nodongwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Njengoko uzibonile iinyawo neenzwane ukuba zenziwe ngodongwe oluxutywe nentsimbi: le nto ke ithetha ukuba loo mbuso uya kuba ziintlaba-zahlukene. Njengoko kwakuxutywe intsimbi nodongwe nawo ke uya kuba nokomelela kwentsimbi.