Daniel 2:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokokuba wabubona isincete sixutyiwe nodongwe olubudaka, baya kuzixubanisa nenzalo yabantu; kanti abayi kunamatela omnye kwomnye, kwa njengokuba isincete singaxubeki nodongwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wasibonayo nje isinyithi sixutywe nodongwe lodaka, baya kuzixuba nembewu yento engumntu; kodwa abayi kunamathelana, yabona, kwanjengokuba isinyithi singaxubeki nodongwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Njengoko ubona isinyithi sixutywe nodongwe, baya kuxubana nembewu yomntu; kodwa aziyi kunamathelana, kanye njengoko intsimbi ingaxubani nodongwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo ubonile ukuba intsimbi yayixutywe nodongwe. Le ndawo ke ikwathetha ukuba baya kuzama ukumanyana ngokwendiselana, kodwa ke loo nto iya kufadalala kwanjengokuba intsimbi ingaxubeki nodongwe.