Daniel 2:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemihleni yokumkani aba, utixo wezulu uya kumisa ubukumkani, obungayi kuza butshatyalaliswe napakade: obubukumkani abuyi kushiyelwa kwabanye abantu; buya kubuti viti obobukumkani bonke bubugqibele, kanti buya kuma bona kude kube ngunapakade;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngemihla yabo kumkani, uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade; yaye obo bukumkani abuyi kushiyelwa kwezinye iintlanga, kodwa buya kuzitshabalalisa zonke ezo zikumkani, buze bume ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanye ke ngexesha lâbo kumkani uThixo wezulu uya kumisela ulawulo olungasoze lutshitshe. Obo iya kuba bubukumkani obungenakoyiswa, koko obuya kutyumza buphelise yonke eminye imibuso, buze bona bume kude kube ngunaphakade.