Daniel 2:45 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokokuba ububona ukuba ilitye belisikwa entabeni kungeko izandla, nokuba laziti viti isincete, ixina, udongwe, isilivere, negolide. Utixo omkulu umazisile ukumkani oko okuya kubako emveni kwoku: kanjalo ipupa liqinile, nokutyilwa kwalo kuyinyaniso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa enokuba wabonayo, ukuba ilitye lazithwebula entabeni, kungengazandla, lasicola isinyithi, nobhedu, nodongwe, nesilivere, negolide, uThixo omkhulu umazisile ukumkani okuya kubakho emveni koku; iphupha liqinisekile, ukutyhilwa kwalo kuyinyaniso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nalibonayo, ukuba ilitye laqhekezwa entabeni, kungengazandla, lasiqhekeza isinyithi, nobhedu, nodongwe, nesilivere, negolide; uThixo omkhulu wamxelela ukumkani okuya kwenzeka emva koko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yile nto uyibonileyo xa ububona ilitye liqhephuka entabeni lingachukunyiswanga sandla samntu, laza laya kuntlitha laa mfanekiso wenziwe ngentsimbi, ubhedu, udongwe, isiliva, negolide. Ngoko ke uThixo omkhulu uyakwazisa, mhlekazi, mayela nezinto eziya kwenzeka kwimihla ezayo. Eli phupha liyinyaniso, yaye ingcaciso yalo ithembekile.”