Daniel 2:46 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani u‐Nebukanetsare wawa ngobuso bake, waziqubuda pambi kwo‐Danyeli, waxela ukuba makunikelwe kuye umnikelo wokudla namavumba amnandi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza ukumkani uNebhukadenetsare wawa ngobuso bakhe, waqubuda kuDaniyeli, wathi, makathululelwe iminikelo yokudla, aqhunyiselwe amavumba athozamisayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza ukumkani uNebhukadenetsare wawa ngobuso bakhe, waqubuda kuDaniyeli, wathi maziziswe kuye umnikelo womlilo nesiqhumiso esimnandi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke ukumkani uNebhukadenezare wazikhahlela emhlabeni phambi koDaniyeli emhlonela, wathi makwenziwe umnikelo weenkozo kunye neziqhumiso kuye.