Daniel 2:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wamenza mkulu u‐Danyeli, wampa amabaso amakulu amaninzi, wamenza umpati pezu kwalo lonke ilizwana le‐Babilone, nenkosi enkulu pezu kwamalumko onke ase‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izipho ezikhulu zazininzi, wamenza waba negunya phezu kwelizwe lonke laseBhabheli, waba ngumongameli omkhulu wezilumko zonke zaseBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izipho ezikhulu ezininzi, wammisa ukuba abe ngumphathi welizwe lonke laseBhabheli, nomthetheli wabathetheli bezilumko zonke zaseBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uDaniyeli wathiwa jize ngewonga elingayiwayo, ukumkani wamnika intaphane yezipho ezihle kunene. Wamiswa waba ngumlawuli wesithili saseBhabheli, futhi waba yingqonyela yazo zonke izilumko zalapho.