Daniel 2:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapendula ukumkani wati kuba‐Kaledine: Indawo imkile kum; ukuba anindazisi ipupa, nokutyilwa kwalo, niya kuhlahlwa, ziti izindlu zenu zenzwe imfumba yenkunkuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ukumkani, wathi kumaKaledi, Ilizwi lam malazeke;ukuba anithanga nindazise iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula ukumkani wathi kumaGalati, Indishiyile le nto; ukuba anithanga nindixelele iphupha, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zibe ngamanxuwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena ukumkani waziphendula iingcali zeenkwenkwezi wathi: “Nasi isigqibo endifikelele kuso: ukuba ke nina aninako ukundixelela iphupha elo, ngaphezu koko nindichazele nentsingiselo yalo, ndiya kuninqunqa nibe ziziqwenga, nemizi yenu idilizwe ibe yindawo ekuyiwa kuyo ngasese.