Daniel 2:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba anindazisi ipupa, ukwa mnye umteto ngani; ngokuba amazwi abuxoki nakohlakeleyo nivumelene ukuwateta pambi kwam, kude kuguqulwe ixesha: ngako oko ndityeleleni ipupa, ndandiya kwazi ukuba ukutyilwa kwalo ningakuxela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke anithanga nindazise iphupha, mnye umthetho kuni;ngokuba nibhunge ngokuthetha amazwi angamanga, onakalisayo, phambi kwam, lide ixesha libe lilimbi. Ngako oko ndityeleni iphupha elo, ndazi ke ukuba nondixelela ukutyhilwa kwalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuba anithanga nindichazele elo phupha, mnye kuphela umyalelo kuni: kuba nilungiselele amazwi obuxoki nawonakeleyo ukuba niwathethe phambi kobuso bam de kutshintshe ixesha; nindixelele ke iphupha elo, ndazi ke ukuba nondixelela ukutyhilwa kwalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa ningalichazi eli phupha niya kufumana isohlwayo esinye xa ninonke. Kaloku nidibene ngeqhinga lokundixokisa, ngenjongo yokuba mhlawumbi ngokuhamba kwexesha izinto zingaguquka. Ukuze ndiqonde ukuba ninako ukulilawula iphupha eli, qalani ngokulichaza.”