Daniel 3:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wena, kumkani! wenzile umteto wokuba bonke abantu abayivayo intlokoma yekarena, n emashrokita, n ekitrose, n esabeka, n epesanterine, nesumponeya, nazo zonke intlobo zokucula, baya kuwa pantsi, babedeshe umfanekiso wegolide:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena kumkani, uwise umthetho wokuthi, bonke abantu abathe baliva izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, mabawe phantsi baqubude kumfanekiso wegolide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wena ke, kumkani, uwise umthetho wokuba bonke abathe baliva izwi lembande, nelogwali, nelohadi, nelohadi, nelohadi, neleempahla zonke zeempahla zonke, bawe phantsi, baqubude kumfanekiso wegolide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena uwise umthetho wokuba ze kuthi kusakuvakala isandi sesigodlo, ixilongo, umrhubhe, ikatala, ihapu, impempe, nazo zonke ezinye izixhobo zomculo, wonke umntu akhahlele anqule umfanekiso wegolide.