Daniel 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ukuba senilungile ukuti, ngexesha eniyivayo intlokoma yekarena, n emashrokita, n ekitrose, n esabeka, n epesanterine, nesumponeya, nazo zonke intlobo zokucula, niwe pantsi, nibedeshe umfanekiso endiwenzileyo —; ukuba kodwa anibedeshi, noti kwa ngeloxanyana nijulelwe eziko lomlilo ovutayo; nguwupina ke lowo utixo oya kunikulula ezandleni zam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi, ngexesha lokuva kwenu izwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, niwe phantsi, niqubude kumfanekiso endiwenzileyo, kolunga; kodwa ukuba anithanga niqubude, nojulelwa kwaoko ezikweni elivutha umlilo. Ngubani na ke uthixo oya kunisindisa esandleni sam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa nithe nalungela, ngexesha lokuva kwenu isandi sogwali, nesempempe, nesohadi, nesehadi, nesemfama, nesazo zonke iintlobo zeempahla zokuvuma, niwe phantsi niqubude kumfanekiso endiwenzileyo; ewe, ukuba anithanga nithobele, nophoswa ezikweni elivutha umlilo; yaye ngubani na uTHIXO oya kunihlangula esandleni sam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangoku ke ze nithi nisakuva isandi sesigodlo, ixilongo, umrhubhe, ikatala, ihapu, impempe, nazo zonke ezinye izixhobo zomculo, ningathingazi, koko nikhahlele ninqule lo mfanekiso ndiwumisileyo. Ke ukuba aniyenzanga loo nto, ngoko nangoko niya kuphoswa kwiziko elivutha umlilo. Kakade ke nguwuphi na uthixo onganihlangulayo esandleni sam?”