Daniel 3:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Nebukanetsare wazala buṙalaṙume, kwati ukubonakala kwobuso bake kwaguqulwa ngakubo o‐Shadraki, n o‐Meshaki, no‐Habedi‐nego: wateta, waxela ukuba iziko malenziwe shushu kube kasixe̔nxe ngapezulu koko fudula lenziwa shushu ngako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uNebhukadenetsare wazala bubushushu, nokumila kobuso bakhe baba bubi kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego;waphendula wathi, iziko malenziwe libe shushu ngokuphindwe kasixhenxe, kunoko fudula lisenziwa shushu ngako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uNebhukadenetsare wazala ngumsindo, nembonakalo yobuso bakhe yeya kuShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego; ke ngoko, wathetha waza waziyalela ukuba zisonge ngokuphindwe kasixhenxe kunoko bekukade kusongwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi ke ngoku, ukumkani uNebhukadenezare watsho wandlongozela ngumsindo, nobuso bakhe baxubayela ngakooShedreki noMeshaki noAbhednigo. Ngoko ke wathi iziko malibaswe ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo.