Daniel 3:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Nebukanetsare ukumkani watumela ukuhlanganisa inkosi, amagosa, nenkosana, abagwebi, abagcinindyebo, amapakati, amatyala, nabo bonke abapati bamazwana, ukuze beze ekutwasisweni kwomfanekiso owabewumisile u‐Nebukanetsare ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UNebhukadenetsare wathumela ukuba kuhlanganiswe iirhuluneli, nabathetheli bomkhosi, namabamba, nabagwebi abakhulu, nabagcini-ndyebo, nabaqondisi-mthetho, nabagwebi, nabo bonke abanegunya emazweni, ukuze beze ekusungulweni komfanekiso, abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani uNebhukadenetsare wathumela ukuba kubizwe abathetheli, namabamba, namabamba, nabagwebi, nabagcini-ndyebo, nabacebisi, nababusi, namabamba, nawo onke amabamba amazwe, ukuba bamise umfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani usete uye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba ewenzile wazihlanganisela kuye iirhuluneli, nabaphathiswa, nabalawuli, nabacebisi, noonondyebo, nabagwebi, noomantyi, nawo onke amanye amagosa ombuso eso sithili. Wayewabizela ukusungula loo mfanekiso wayewumisile.