Daniel 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Nebukanetsare wasondela elucangweni lweziko lomlilo ovutayo, wateta, wati: Shadraki, Meshaki, no‐Habedi‐nego, nina zicaka zotixo opezu kwonke, velani, nize apa! Baza o‐Shadraki, n o‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, bavela kwa pakati kwomlilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo, waphendula wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi boThixo Osenyangweni, phumani nize. Baza baphuma ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego, emlilweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasondela uNebhukadenetsare emnyango weziko lomlilo, wathi, Shadraki, Meshaki, Abhede-nego, bakhonzi bOsenyangweni, phumani nize apha. Emva koko uShadraki, uMeshaki noAbhednego baphuma emlilweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ukumkani uNebhukadenezare wasondela esangweni lelo ziko livuthayo, wathi: “Shedreki! Meshaki! Abhednigo! Zicaka zikaThixo uPhezukonke! Phumani, nize apha!” Aphuma ke loo madoda omathathu.