Daniel 3:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wateta u‐Nebukanetsare, wati: Makubongwe utixo ka‐Shadraki, n o‐Meshaki, no‐Habedi‐nego, oyitumileyo ingelosi yake, wakulula izicaka zake, ezazitembela kuye, zaguqula ilizwi lokumkani, zanikela imizimba yazo, ukuba zingakonzi zingabedeshi nokubedesha namnye utixo, kupela utixo wazo yedwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uNebhukadenetsare wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego osithumileyo isithunywa sakhe, wabasindisa abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, baligqitha ilizwi lokumkani, bayinikela imizimba yabo, ukuba bangabusi, bangaqubudi, kuthixo nonguwuphi, ongenguye uThixo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathetha uNebhukadenetsare, wathi, Makabongwe uThixo kaShadraki, kaMeshaki, ka-Abhede-nego, osithumileyo isithunywa sakhe, wabahlangula abakhonzi bakhe, ababekholose ngaye, balijika ilizwi lokumkani, bayikhulula ngentlawulelo imizimba yabo, ukuba bakhonze nawuphi na uthixo, banganquli thixo bambi, bangamkhonzi yinqule kodwa uThixo wabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uNebhukadenezare ke wathi: “Makabongwe uThixo kaShedreki, kaMeshaki, noAbhednigo, othume isithunywa wazihlangula izicaka zakhe. Zona zimnqule ngentembeko, zaza azawuhoya umyalelo kakumkani, zaxolela ukuyinikela imizimba yazo endaweni yokuguqa zinqule nawuphi na uthixo ngaphandle koThixo wazo.