Daniel 3:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko ngeloxesha nxa bonke abantu bayivayo intlokoma yekarena, n emashrokita, n ekitrose, n esabeka, n epesanterine, nazo zonke intlobo zokucula, bonke abantu, izizwe, nenteto, bawa pantsi, babedesha umfanekiso wegolide abewumisile u‐Nebukanetsare ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yoko, ngelo xesha, xa zalivayo iintlanga zonke ilizwi lesigodlo, nelembande, nelekitare, nelomrhubhe, nelohadi, nelogwali, nelezinye iintlobo zonke ezibethwayo, zawa phantsi zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zaqubuda kumfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngelo xesha, sakuva lonke uhlanga isandi sembande, nempempe, nempempe, nempempe, nempempe, neempahla zonke zeempahla zonke, nezizwe zonke, nezizwe zonke, neelwimi zonke, zawa phantsi waguqa phantsi umfanekiso wegolide awayewumisile uNebhukadenetsare ukumkani uye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenene ke sathi sakuvakala eso sandi sesigodlo, nexilongo, nomrhubhe, nekatala, nehapu, nazo zonke ezinye iintlobo zezixhobo zomculo, wonke umntu nazo zonke izizwe iintlanga neelwimi, xa bebonke bee waca bakhahlela banqula loo mfanekiso wegolide wawumiswe ngukumkani uNebhukadenezare.