Daniel 4:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
UNEBUKANETSARE ukumkani, kubo bonke abantu, izizwe, nenteto, abemiyo kuwo wonke umhlaba: Uxolo lwenu malwandiswe!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UNebhukadenetsare ukumkani uthi kuzo zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezimiyo ehlabathini lonke: Malube lukhulu uxolo lwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uNebhukadenetsare kumkani, ndizibhalele zonke izizwe, neentlanga zonke, neelwimi zonke ezimiyo ehlabathini; Uxolo malube nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nalu udaba lukakumkani uNebhukadenezare kubantu bazo zonke izizwe neentlanga nazo zonke iilwimi ezikhoyo emhlabeni: “Makube luxolo nenkqubela kuni!