Daniel 4:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Amagqabi awo ebemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; kwabekuko kuwo ukutya okwan ele bonke: ngapantsi kwawo bezinomtunzi izilo zezindle, nasemasebeni awo zahlala intaka zezulu, lwadliswa nakuwo uluntu lwonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amagqabi awo abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi;ubunokudla okwanele iinto zonke. Amarhamncwa asendle abenomthunzi phantsi kwawo, iintaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amagqabi awo ebemahle, neziqhamo zawo bezizininzi; bekukho ukudla kweento zonke; amarhamncwa elizwe abe emthunzini phantsi kwawo, neentaka zezulu zahlala emasebeni awo, yadla kuwo yonke inyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wawutsho ngamagqabi amahle kunene, unentaphane yeziqhamo, zibanele xa bebonke abantu. Emthunzini wawo zaziphumla khona zonke iinyamakazi, neentaka zisakhela emasebeni awo. Ewe, loo mthi wawusondla zonke iindidi zezidalwa.