Daniel 4:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
owadanduluka ngamandla, watsho ukuti: Gaulani umti lowo, niwanqumle amasebe awo; vutululani amagqabi awo, nizicite iziqa̔mo zawo; mazisuke izilo pantsi kwawo, nentaka emasebeni awo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wadanduluka ngamandla, watsho ukuthi, Wugawuleni lo mthi, niwanqumle amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo. Makabaleke emke phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wadanduluka kakhulu, wathi, Wugawuleni lo mthi, niwagawule amasebe awo, niwaqhawule amagqabi awo, nizichithachithe iziqhamo zawo; Makuphume phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka emasebeni awo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sadanduluka ngamandla sathi: ‘Gawulani loo mthi, niwunqunqe amasebe. Waqhawuleni amagqabi, nisarhaze nezo ziqhamo zawo. Zigxotheni izilwanyana phantsi kwawo, nindulule nezo ntaka zisemasebeni awo.