Daniel 4:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Londawo ingomgwebo wabalindi, nesisibizo singelizwi labazingcwele; ukuze abahleliyo babe nokwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo, ewe, emisa pezu kwabo abantu abamnyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umyalezo lo ukho ngengqibo yabalindi, umcimbi lo lilizwi labayingcwele; ngokokuze bazi abahleliyo, ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, abunike lowo athanda ukumnika, amise ophantsi ebantwini phezu kwabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Le nto ihamba ngokwesiko labalindi, nangosiko lwezwi labangcwele, ukuze bazi abaphilileyo, ukuba Osenyangweni unobukumkani obuphezu kwezikumkani zabantu, abunike lowo athanda ukubumisa; kwaye ukhethe yena ngaphezu kwayo amadoda aphantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nâso ke isigqibo esivakaliswa zizithunywa, nditsho umyalezo obhengezwa zezingcwele, khon' ukuze lonke uluntu luqonde ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, luqonde nokuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika, nkqu nalowo ungazelwe nto.’