Daniel 4:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Elipupa ndilibonile mna kumkani u‐Nebukanetsare. Ngako wena, Beleteshatsare! kuxele ukutyilwa kwalo; ngokokuba onke amalumko asebukumkanini bam akohliwe ukundazisa ukutyilwa: kodwa wena akukohliwe; ngokuba umoya wotixo abangcwele ukuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Elo phupha ndilibonile, mna kumkani Nebhukadenetsare. Wena ke, Bheletshatsare, lityhile ke, ngenxa enokuba zonke izilumko zobukumkani bam zingenako ukundazisa ukutyhilwa kwalo ube ke wena unako, ngokuba unomoya woothixo abangcwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna, kumkani Nebhukadenetsare, ndalibona eli phupha. Ke kaloku, wena Bheleshatsare, ndixelele ingcaciso yayo, ngenxa yokuba zonke izilumko zobukumkani bam azinako ukundixelela loo ngcaciso; kodwa unako; ngokuba unomoya woothixo abangcwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nâlo ke iphupha endiliphuphileyo mna kumkani uNebhukadenezare. Ngoko ke, Bhelteshazare, nceda undichazele intsingiselo yalo. Zonke izilumko zam apha ebhotwe zoyisiwe kukulityhila; kambe ke wena unako ukulityhila, kuba wambathiswe ngumoya woothixo abangcwele.”