Daniel 4:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Danyeli, ogama lingu‐Beleteshatsare, wati nqa ngomzuzwana, nezicamango zake zamtusa. Wapendula ukumkani, wati: Beleteshatsare! ungetuswa lipupa nakukutyilwa kwalo. Wapendula u‐Beleteshatsare, wati: Nkosi yam! ipupa elo malibe kwabo bakutiyayo, nokutyilwa kwalo kwintshaba zako!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, wamangaliswa umzuzwana, nezicamango zakhe zamkhwankqisa. Waphendula ukumkani wathi, Bheletshatsare, iphupha nokutyhilwa kwalo malingakukhathazi. UBheletshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha malisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo kwabakuzondayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uDaniyeli, ogama libizwa ngokuba nguBheletsatsare, waphazamiseka umzuzwana omnye, zamothusa izicamango zakhe. Wathi ukumkani, Bheleshatsare, musa ukuyixhalela iphupha, nokutyhilwa kwalo; uBheleshatsare waphendula wathi, Nkosi yam, iphupha lisingisele kwabakuthiyileyo, nokutyhilwa kwalo likuzo iintshaba zakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uDaniyeli, lo kuthiwa nguBhelteshazare, wasuka wee nkamalala umzuzwana ekhwankqisiwe. Ke ukumkani wathi kuye: “Hayi, wena Bhelteshazare, musa ukothuswa leli phupha nentsingiselo yalo.” UBhelteshazare ke waphendula wathi: “Mhlekazi, eli phupha nentsingiselo yalo akwaba belibhekiselele kwabakuthiyileyo nabakuchasayo.