Daniel 4:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
omagqabi awo abemahle, neziqa̔mo zawo bezizininzi; okwabekuko kuwo ukutya okwan ele bonke; ezazite izilo zezindle zahlala ngapantsi kwawo, nentaka zezulu zalalisa emasebeni awo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
omagqabi ayemahle, oziqhamo bezizininzi, obunokudla okwanele izinto zonke, awahlala phantsi kwawo amarhamncwa asendle, ezaba neendlu emasebeni awo iintaka zezulu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
omagqabi abemahle, neziqhamo zawo bezizininzi, kwaye kukho ukudla komntu wonke; ezahlala phantsi kwawo amarhamncwa, neentaka zezulu zahlala emasebeni awo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
umthi omagqabi mahle kunene, oziqhamo zawo zanele uluntu lonke, umthi ekuphumla iinyamakazi emthunzini wawo, ngokunjalo neentaka zakhela emasebeni awo,