Daniel 4:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo, ukuba ukumkani wabona umlindi, kwa oyingcwele, esihla ezulwini, owabesiti: Gaulani umti lowo, niwutshabalalise; kodwa isipunzi sengcambo zawo sishiyeni emhlabeni, sinombambo wesincete nexina eluhlazini lwasendle; makanete ngombete wezulu, nesabiwo sake masibe ndawonye nezilo ebutyanini bomhlaba, kude kudlule pezu kwake amaxesha asixe̔nxe;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le nto yokuba ukumkani ebone umlindi ongoyingcwele esihla emazulwini, esithi, Wugawuleni lo mthi, niwonakalise; kodwa isiphunzi esineengcambu zawo, sishiyeni emhlabeni, siphanjiwe ngesinyithi nobhedu eluhlazeni lwasendle; sinyakamiswe ngumbethe wezulu, ahlulelane neenkomo ngotyani, kude kudlule phezu kwakhe amaxesha amisiweyo asixhenxe:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ukumkani wabona umlindi nabathembekileyo besihla bevela ezulwini waza wathi: Gawulani umthi nize niwutshabalalise; sishiye isiqu seengcambu zawo emhlabeni, senziwe iziko lesinyithi, nobhedu, engceni ethambileyo yelizwe; sinyakamiswe ngumbethe wezulu, sibe yinxalenye yezilo zelizwe, kude kudlule amaxesha amisiweyo asixhenxe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’
Recommended Reading