Daniel 4:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle, wauya kudliswa utyani njengenkabi, wonetiswa ngumbete wezulu, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, unyakamiswe ngumbethe wezulu, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
baya kukugxotha phakathi kwabantu, indlu yakho ibe namarhamncwa, badle utyani njengeenkomo, bakuseze ngombethe wezulu, kudlule amaxesha amisiweyo asixhenxe de yazi ukuba iNkokeli Ephakamileyo inorhulumente kurhulumente wabantu, kwaye eso sipho ifuna ukumnika yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.