Daniel 4:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, kumkani! icebo lam malikoleke kuwe, uzikumle izono zako ngobulungisa, nenkohlakalo zako ngokupata amahlwempu ngofefe; kungati kuya kwolulwa ukwonwaba kwako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, kumkani, icebo lam malikholeke kuwe, uzaphule izono zakho ngobulungisa, nobugwenxa bakho ngokubababala abaziintsizana, ukuba kunga kungoluka ukuchulumacha kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngako oko, nkosi yam, icebo lam malikholeke kuwe, uzitshabalalise izono zakho ngobulungisa, nobugwenxa bakho ngokubabaza abaziintsizana; ukuba ingaba kukwandiswa kokuthula kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”