Daniel 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hai ukuba mikulu kwemiqondiso yake! hai ukuba namandla kwemimangaliso yake! ubukumkani bake bubukumkani obungunapakade, nobukosi bake bukwisizukulwana ngesizukulwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imiqondiso yakhe, hayi ukuba mikhulu kwayo! Izimanga zakhe, hayi ukuba namandla kwazo! Ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, igunya lakhe likwizizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Hayi, ukuba mkhulu kwemiqondiso yakhe! Hayi indlela enamandla ngayo imimangaliso yakhe! Ubukumkani bakhe bubukumkani bamaphakade onke, nolawulo lwakhe lukwizizukulwana ngezizukulwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mikhulu kambe imiqondiso yakhe! Asinto ukurhwaqelisa imimangaliso yakhe! Ulawulo lwakhe ke lona alunasiphelo; ewe, elakhe igunya lihlala lihleli, liqhakamishela izizukulwana ngezizukulwana.