Daniel 4:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kugxotwa ebantwini, kuti ukuhlala kwako kube ndawonye nezilo zezindle; uya kudliswa utyani njengenkabi, kwakuya kudlula pezu kwako amaxesha asixe̔nxe, ude ukwazi ukuba opezu kwonke uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, ebunika kulowo atandayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uya kugxothwa ebantwini, libe kumarhamncwa asendle ikhaya lakho, udliswe utyani njengeenkomo, kudlule phezu kwakho amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kukugxotha phakathi kwezizwe, uhlale phakathi kwezilwanyana zelizwe; baya kukudlisa utyani njengeenkomo, kudlule amaxesha amisiweyo asixhenxe, ude wazi ukuba iNgangalala inobukumkani ebukumkanini babantu, imnike lowo imthandayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uza kugxothwa ebantwini, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe de uvume ukuba uPhezukonke nguye ozilawulayo izirhulumente zabantu, yaye ke ulawulo ulunika nabani na athanda ukumnika.”