Daniel 4:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa ngeloxanyana yafezwa lento pezu kwo‐Nebukanetsare: wagxotwa ke ebantwini, wadla utyani njengenkabi, waneta umzimba wake ngombete wezulu, zada zakula inwele zake njeng entsiba z okozi, nenzipo zake njengezentaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaoko lazaliswa ilizwi kuNebhukadenetsare; wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba zamaxhalanga, neenzipho zakhe zanjengezeentaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngelo lixa ilizwi likaNebhukadenetsare wagxothwa ebantwini, wadla utyani njengeenkomo, umzimba wakhe wanyakanyiswa ngumbethe wezulu, zada iinwele zakhe zakhula, zanjengeentsiba, zanjengexhalanga neenzipho zalo iintaka iintsapho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangoko ke olu daba lwafezekiswa apho kuNebhukadenezare. Wagxothwa phakathi kwabantu, waya kutya ingca njengeenkomo. Walalelwa ngumbethe, zaza iinwele zakhe zaziingqajolo ezinjengeentsiba zokhozi, neenzipho zakhe zatsolo okwezentaka.