Daniel 4:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bonke abemi bomhlaba bayabalwa ngokuba yinto engento; uyenza ngentando yake kwa semkosini wezulu, na pakati kwabemi bomhlaba; akuko ongabambayo isandla sake, nongati kuye: Wenza nto nina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baye bonke abemi behlabathi bebalelwe ekubeni yinto engento, esenza yena ngokuthanda kwakhe empini yasemazulwini, nakubemi behlabathi. Akukho bani ubethayo esandleni sakhe, athi kuye, Wenza ntoni na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baye bonke abemi behlabathi bebalelwe ekubeni yinto engento; kwaye wenza ngokwentando yakhe amabhunga ezulu naphakathi kwabemi bomhlaba; akukho bani unokusithintela isandla sakhe, athi kuye, Wenza ntoni na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uluntu alunto yanto xa luthelekiswa naye, nkqu nempi yasezulwini iphantsi kwegunya lakhe, ngokunjalo ke nabantu emhlabeni apha. Ewe, akukho namnye unokusithintela isandla sakhe, kungekho namntu unokuthi kuye: ‘Yintoni le uyenzileyo?’