Daniel 4:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa ngeloxanyana kwabuyela kum ukuqonda kwam; nangenxa yodumo lwobukumkani bam, kwabuyela kum ubungcwalisa bam nenkazimlo yam; andifuna ke amapakati am nemiduna yam; kanjako ndaqiniswa ebukumkanini bam, nobukulu obugqitisileyo bongezelelwa kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaoko ukwazi kwam kwabuyela kwakum; nangenxa yobuhandiba bobukumkani bam, ubungangamsha bam nokutyatyamba kwam kwabuyela kwakum. Andifuna amaphakathi am nezikhulu zam; ndabuyiselwa ebukumkanini bam, ndongezwa ubukhulu obuncamisileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaoko intliziyo yam yabuyela kwakum; ubuqaqawuli bam nobuqaqawuli bam babuyela kum ebuqaqawulini bobukumkani bam; zandifuna abacebisi bam nezikhulu zam; ndaza ndaqiniselwa ebukumkanini bam, ndaza ndongezwa ngobuqaqawuli obugqithisileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ndakubuyela ezingqondweni ke satsho sabuya isidima nobuhandiba bam, baza babuya nobungangamsha boburhulumente bam. Amaphakathi ndawonye nezikhulu zam zandifuna, ndabuyiselwa ngokuthe kratya ngobuhandiba esihlalweni sam.