Daniel 4:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kaloku mna Nebukanetsare ndiyamdumisa, ndiyampakamisa, ndiyambeka ukumkani wezulu, omisebenzi yake yonke iyinyaniso, nendlela zake zibubulungisa: nabo bahambayo nger̔atshi unamandla yena okubatobisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku, mna Nebhukadenetsare, ndiyamncoma, ndimphakamisa, ndimbeka uKumkani wamazulu; ngokuba yonke imisebenzi yakhe iyinyaniso, neendlela zakhe zisesikweni; nangokuba enako ukubathoba abahamba beqhankqalazile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye, mna, Nebhukadenetsare, ndiyayincoma, ndiyidumisa, ndiyizukisa iNkosi yamazulu, ozenzo zakhe ziyinyaniso zonke, ozindlela zakhe zigwebayo; kwaye unokubathoba abo bahamba ngekratshi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.”
Recommended Reading