Daniel 5:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukumkanikazi, ngenxa yamazwi okumkani nemiduna yake, wangena endlwini yomtendeleko: wateta ukumkanikazi, wati: Kumkani, hlala uhleli kude kube ngunapakade! ungetuswa zizicamango zako, nobuso bako mabungaguqulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkanikazi, unina, ngenxa yamazwi okumkani nezikhulu zakhe, wangena endlwini yomgidi. Ukumkanikazi unina waphendula wathi, Kumkani, phila ngonaphakade! Izicamango zakho mazingakukhathazi, lingaguquki ibala lobuso bakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yangena inkosazana endlwini yemigcobo, ngenxa yamazwi okumkani nabathetheli bakhe; wathetha ukumkanikazi, wathi: Owu kumkani, phila ngonaphakade;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyiva ingxokozelo eyayisenziwa ngukumkani nezikhulu zakhe ukumkanikazi wangena apho kuloo ndlu yombhiyozo, wabhekisa kukumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Hayi, musa ukoyikiswa kangaka ziingcinga zakho, ujike nebala lobuso bakho.