Daniel 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kuko indoda ebukumkanini bako okukuyo umoya wotixo abangcwele; ngokuba emihleni yoyihlo bekufunyanwa kuyo ukukanya, nokuqonda, nobulumko, njengobulumko babo otixo; ngako ukumkani u‐Nebukanetsare, uyihlo wako, wayimisa ibe yinkosi yencibi, n abanyangi, n aba‐Kaledine, n amatola; wenje njalo ke uyihlo wako, kumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kukho indoda ebukumkanini bakho, enomoya woothixo abangcwele; ekwathi ngemihla yoyihlo kwafunyanwa kuyo ukukhanya nokuqiqa nobulumko, njengobulumko bothixo; awathi ukumkani uNebhukadenetsare uyihlo wayimisa yangumongameli wezazi, nabakhwitsi, namaKaledi, namatolauyihlo, kumkani;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kukho indoda ebukumkanini bakho onomoya woothixo abangcwele; nangemihla kayihlo kwafunyanwa kuye ukukhanya, nokuqiqa, nobulumko, obunjengobulumko boothixo; owamenza ukumkani uNebhukadenetsare, uyihlo, ukumkani, ndithi, uyihlo, abe ngukumkani wabakhafuli, nabakhafuli, namaKaledi, nabakhafuli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku kwalapha kulo mbuso wakho ukho umfo onomoya woothixo abangcwele. Ngexesha lokulawula kukayihlo lo mfo wazibonakalisa ukuba unengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obufana noboothixo. Ke yena uyihlo uNebhukadenezare wammisela wayingqonyela yabenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse.