Daniel 5:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokokuba umoya ogqitisileyo, nokwazi, nokuqonda, ukutyila amapupa, nokuxela izintsonkotelo, nokubangulula indawo ezinqabileyo, bekufunyanwa kuyo, ku‐Danyeli, owati ukumkani wamtiya igama elingu‐Beleteshatsare: ngoko makabizwe u‐Danyeli, waeya kuxela ukutyilwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngenxa enokuba kwafunyanwa kuye umoya ogqithisileyo ngobuhle, nokwazi, nokuqiqa, etyhila amaphupha, exela iintsonkotha, ecombulula amaqhina; kuDaniyeli, owathiywa ngukumkani igama elinguBheletshatsare. UDaniyeli makabizwe kaloku; wokuxela ukutyhilwa kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa yokuba kwafunyanwa kuye umoya omangalisayo, nokwazi, nengqiqo, ukutyhilwa kwamaphupha, nokutyhilwa kwentetho enzima, ecombulula amathandabuzo, kuDaniyeli lowo ukumkani wambiza ngokuba nguBheletshatsare; makaxelelwe uDaniyeli ngoku, acacise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”