Daniel 5:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwangeniswa u‐Danyeli pambi kwokumkani. Wateta ukumkani wati ku‐Danyeli: Ungulo‐Danyeli na, ongowaselusatsheni lwokutinjwa kwo‐Juda, owabepunyiswa kwa‐Juda ngukumkani ubawo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Ukumkani wathetha kuDaniyeli, wathi, Ungulaa Daniyeli na ungowakoonyana bakaYuda, abathinjwayo, abaziswayo ngukumkani ubawo, bephuma kwaYuda?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uDaniyeli wasiwa phambi kokumkani. Wathi uYehova kuDaniyeli, UnguDaniyeli na, omnye wabathinjwa bakwaYuda, abathe ukumkani ubawo wabazisa ezweni lamaYuda?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?