Daniel 5:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku sekungenisiwe pambi kwam amalumko n abanyangi, ukuba baleseshe esisiba̔lo, bandazise ukutyilwa kwaso; koko bebekohlwa kukuxela ukutyilwa kwendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku beziziswe kum izilumko nabakhwitsi, ukuze balese lo mbhalo, bandazise ukutyhilwa kwawo; ke azibanga nako ukundixelela ukutyhilwa kwale nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zeziswa phambi kwam izilumko, ezazikhangele iinkwenkwezi, ukuba zifunde esi sibhalo, zindixelele nengcaciso yaso, kodwa aziyityhilanga ingcaciso yaloo nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.