Daniel 5:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ndivile ngawe, ukuba unamandla ukutyila izityilo, nokubangulula indawo ezinqabileyo; kekaloku, ukuba unamandla ukulesesha isiba̔lo eso, nokundazisa ukutyilwa kwaso, wovatiswa ngesibomvu, nangomxokelelwane wegolide entanyeni yako, wauya kuba ngowesitatu umpati ebukumkanini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ndivile ke ngawe, ukuba unako ukuyityhila into, ucombulule namaqhina. Ukuba ke uthe wanako ukuwulesa lo mbhalo, nokundazisa ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowabathathu ebukumkanini abanegunya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye ndeva ngawe ukuba unako ukwenza iingcaciso nokusombulula amathandabuzo; Ukuba ke uthe wawulesa lo mbhalo, wandazisa ukutyhilwa kwawo, uya kunxitywa ingubo ebomvu, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakho, ube ngowesithathu ebukumkanini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndivile ukuba unako ukuchaza intsingiselo yezinto, ukhulule namaqhina. Ukuba ngoku unokundifundela lo mbhalo, undichazele nentsingiselo yawo, ndingakuthi wambu ngomnweba omsobo, uthiwe gatya nomxokelelwana wegolide, umiselwe ube ngowesithathu kubalawuli beli lizwe.”