Daniel 5:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Danyeli, wati pambi kwokumkani: Amabaso ako makabe kuwe, nemivuzo yako yinike kwomnye: noko, isiba̔lo ndosileseshela ukumkani, ndimazise nokutyilwa kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza waphendula uDaniyeli, wathi phambi kokumkani, Izipho zakho mazihlale kuwe, imivuzo yakho uyinike omnye; kodwa ndiya kuwulesa lo mbhalo kukumkani, ndimazise ukutyhilwa kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza wathetha uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Izipho zakho zezakho; ndiya kuyifundela ukumkani incwadi, ndimazise ingcaciso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDaniyeli ke waphendula wathi kukumkani: “Ungazidubi ngokundinika izipho; okanye ke zinike mntu wumbi! Ke wona umbhalo lo, ndiza kumfundela ukumkani, ndimchazele nento oyithethayo.