Daniel 5:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nangenxa yobukulu abebunikile kuye, bonke abantu, n ezizwe, nenteto, bangcangcazela boyika pambi kwake: lowo watanda ukumbulala, wambulala; nalowo watanda ukumgcina ehleli, wamgcina ehleli; nalowo watanda ukumpakamisa, wampakamisa; nalowo watanda ukumtobisa, wamtobisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yobukhulu ke awabunikwayo, zadidizela zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zothuka phambi kwakhe. Lowo wathanda ukumbulala, wambulala; lowo wathanda ukumyeka aphile, wamyeka waphila; lowo wathanda ukumphakamisa, wamphakamisa;lowo wathanda ukumthoba, wamthoba.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye ngenxa yobukhulu awabunikwayo, zonke izizwe nezizwe nezizwe neelwimi zazingcangcazela yaye zoyika phambi kwakhe; yaye lowo amthandayo wamgcina ephila; kwanabo athanda ukubavusa; naleyo wayefuna ukuyibeka phantsi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngangobukhulu awayebunikiwe abantu bezizwe zonke, iintlanga, neelwimi ngeelwimi, xa bebonke, babekhahlela kuye bengcangcazela besoyika. Athanda ukumbulala wayembulala, amsindise athanda ukumsindisa. Wayemnyusela athanda ukumphakamisa, aze amkhiqe athanda ukumthoba.