Daniel 5:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Beleshatsare akuba evile iveyine, watyela ukuba makuziswe impahla zegolide nezesilivere, ezo uyise u‐Nebukanetsare waziku̔pa etempileni ebise‐Yerusaleme; ukuba basele kuzo ukumkani nemiduna yake, abafazi bake namashweshwe ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBheleshatsare, akuyiva iwayini, wathi maziziswe iimpahla zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem, ukuze asele ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, namakhosikazi akhe, namashweshwe akhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBheleshatsare wayingcamla iwayini leyo, wathi maziziswe iimpahla zegolide nezesilivere, abezithimbile uNebhukadenetsare uyise etempileni eseYerusalem; wasela kuyo ukumkani nabathetheli bakhe, nabafazi bakhe, nezithende zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ithe ke isakuvakala intselo apho kukumkani wathi makulandwe izitya zegolide nezesiliva ezazithinjwe nguyise uNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem. Xa bebonke ke, ukumkani nezikhulu zakhe, nabafazi bakhe, ngokunjalo namaqadi akhe, babeza kutyela kuzo.