Daniel 5:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni intliziyo yake yapakama, nompefumlo wake waba lukuni er̔atshini, wahliswa eteroneni yobukumkani bake, nodumo lwake lwasuswa kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, umoya wakhe waqinayo, wakhukhumalayo, wesuka wahliswa etroneni yobukumkani bakhe, nobuhandiba bakhe basuswa kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke xeshikweni intliziyo yakhe yaziphakamisayo, yaqaqadeka intliziyo yakhe, wakhukhumala, wehliswa etroneni yakhe, baluhlutha ubungangamsha bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.