Daniel 5:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wagxotwa konyana babantu; intliziyo yake yenziwa njengeyezilo, nokuhlala kwake bekundawonye namaqwaṙa asendle; wadliswa utyani njengenkabi, nomzimba wake waneta ngombete wezulu; wada wakwazi ukuba utixo, opezu kwonke, uyapata ubukosi pezu kwobukumkani babantu, nokuba uyamisa pezu kwabo lowo atandayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagxothwa koonyana babantu, intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, nekhaya lakhe laba semaesileni asendle, wadliswa utyani njengeenkomo, wanyakamiswa umzimba wakhe ngumbethe wezulu, wada wazi, ukuba uThixo Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, amise phezu kwabo lowo athanda ukummisa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye walahlwa phakathi koonyana babantu; intliziyo yakhe yaba njengeyeenkomo, wahlala namahashe asendle; ade azi ukuba uThixo Osenyangweni nguye olawula izikumkani zabantu, umisa lowo athanda ukumnika.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe kaloku, wagxothwa eluntwini, watsho wabulwanyanarha. Wahamba waya kuhlala neembongolo zasendle, watya ingca njengeenkomo, elalelwa ngumbethe wezulu. Wada ke wavuma ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo izirhulumente zabantu, ikwanguye omisela kuzo loo mntu athanda ukummisela.