Daniel 5:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula waxela u‐Beleshatsare, baza bamvatisa u‐Danyeli ngesibomvu, nangomxokelelwane wegolide entanyeni yake, bashumayela ngaye ukuba makabe ngowesitatu umpati ebukumkanini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uBheleshatsare wayalela, bamnxiba uDaniyeli iingubo ezimfusa, nomxokelelwane wegolide emqaleni wakhe; bamemeza ngaye ngelithi, uya kuba ngowabathathu onegunya ebukumkanini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uBheleshatsare wakhupha umyalelo, baza bamnxibisa uDaniyeli ingubo ebomvu nentsimbi yomqala yegolide emqaleni wakhe baza bamxelela ukuba uya kuba ngowabathathu umlawuli ebukumkanini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko ke ukumkani uBhelshazare wayalela ukuba uDaniyeli anxitywe umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni. Waza ke wammisela wangowesithathu kubalawuli bobukumkani.