Daniel 5:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula angena onke amalumko okumkani; koko ebekohlwa ukulesesha isiba̔lo, nokumazisa ukumkani ukutyilwa kwaso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zaza zafika zonke izilumko zokumkani; ke azaba nako ukuwulesa umbhalo, nokumazisa ukumkani ukutyhilwa kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko zonke izilumko zikakumkani zangena, kodwa azizange zikwazi ukuwufunda umbhalo lowo yaye azizange zimazise ukumkani intsingiselo yawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zafika ke izilumko zikakumkani, kodwa zonke zaxakwa kukuwufunda loo mbhalo, yayinqaba nokuchaza intsingiselo yawo.