Daniel 6:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAKOLEKA ku‐Dariyusi ukuba amise pezu kwobukumkani inkosi ezilikulu linamashumi mabini, zize zibe pezu kwobukumkani bonke;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakholeka kuDariyo ukumisa phezu kobukumkani iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zibe sebukumkanini bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakholeka kuDariyo ukunyula iirhuluneli ezilikhulu elinamanci mabini, ukuba zibe nokulawula kubo bonke ubukumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwakholeka kuDariyo ukumisela iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zongamele kwiindawo ngeendawo zombuso lowo.