Daniel 6:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula asondela, ateta pambi kwokumkani ngawo umteto wokumkani, esiti: Akupaulanga na umteto, wokokuba umntu osukuba ecela ingcelo nasetixweni nasemntwini ngezintsuku zimashumi matatu, kupela acele kuwe, kumkani! uya kujulelwa emnxunyeni wengonyama? Wapendula ukumkani wati: Yindawo eqinileyo, njengesiko lama‐Medi nama‐Peresiya elingenakubujiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezo asondela, athetha phambi kokumkani ngesalelo sokumkani, athi, Akusibhalanga na isalelo sokuthi: Bonke abathandaza nakongubani, uthixo nomntu, ongenguwe, kumkani, ngeentsuku ezimashumi mathathu, mabajulelwe emhadini weengonyama?Waphendula ukumkani wathi, Loo nto iqinisekile ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongenakutshitshiswa bani wona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Basondela, bathetha kukumkani ngelizwi lokumkani; Akuwubhalanga na umthetho wokuba bonke abasukuba becela into kuThixo nakuwuphi na umntu, ngeentsuku ezimashumi mathathu, ingenguwe kumkani, aphoswe emhadini weengonyama? Waphendula ukumkani, wathi, Loo nto iyinyaniso, ngokomthetho wamaMedi namaPersi, ongaguqukiyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke aya kukumkani, afika athetha naye malunga nomthetho awenzileyo, athi: “Kanene, mhlekazi, ubungapapashanga umthetho na othi kwiintsuku ezimashumi mathathu makungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kwakho, usithi othe wayenza loo nto uya kuphoswa emngxunyeni weengonyama?” Ukumkani ke waphendula wathi: “Ewe, kunjalo, ndikwenzile oko, yaye lowo ngumthetho ongenakutshitshiswa wamaMedi namaPeshiya.”