Daniel 6:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani, akuva lamazwi, wanokuziqumbela kakulu, wabeka intliziyo yake ngaku‐Danyeli ukuba amkulule; ewe kwada kwatshona ilanga wazamela ukumsindisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza ukumkani, akuweva loo mazwi, weva kakubi kakhulu ngayo loo nto. Wamnyamekela uDaniyeli ukuba amsindise, wazama ukuba amhlangule, lada latshona ilanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani akuweva loo mazwi, wabandezeleka kunene, wayibhekisa intliziyo yakhe kuDaniyeli ukuba amhlangule; wazama ukumhlangula de kwatshona ilanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akukuva oku ukumkani watsho wadideka mpela, waza wenza unako-nako wokucinga icebo lokuhlangula uDaniyeli. Ewe, kwaba yiloo nto lada latshona ilanga.