Daniel 6:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuziswa ilitye, labekwa emlonyeni womnxuma; waza ukumkani walincamatisela ngesincamatiselo sake, nangesincamatiselo semiduna yake, ukuze imvume ngaye u‐Danyeli ingabi nakuguqulwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaziswa ilitye, labekwa phezu komlomo womhadi; ukumkani walitywina ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wezikhulu zakhe, ukuze kungaguqulwa nto mayela noDaniyeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaziswa ilitye, labekwa emnyango womhadi; ukumkani wayiqinisa ngomsesane wakhe wokutywina, nangomsesane wokutywina wabathetheli bakhe; ukuze icebo likaDaniyeli lingaguquki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku umngxuma lowo wavalwa ngelitye, waza ukumkani walitywina ngomsesane wakhe nangaleyo yezikhulu zakhe, khon' ukuze imeko kaDaniyeli ingabi nakuguqulwa.